Hymn 11♡ 𝗕𝘂𝗹𝗲𝗹𝗮𝗻𝗶 𝗸𝘂 𝗬𝗲𝗵𝗼𝘃𝗮, 𝗞𝘂𝗯𝗮 𝗲𝗹𝘂𝗻𝗴𝗶𝗹𝗲; 𝗞𝘂𝗯𝗮 𝘂𝗯𝘂𝗯𝗲𝗹𝗲 𝗯𝗮𝗞𝗵𝗲 𝗯𝘂𝗯𝗼𝗯𝗮𝗽𝗵𝗮𝗸𝗮𝗱𝗲. ⚛♥♥ ⁰¹/⁰⁴/²⁰¹⁰
HTML-код
- Опубликовано: 29 мар 2025
- 1.Bulelani ku Yehova,
Kuba elungile ;
Kuba ububele baKhe
bubobaphakade.
2.M' atsho amaSirayeli,
Iindlu zawo zonke,
Athi, ububele baKhe
Bubobaphakade.
3.Ndamemeza kuYehova,
Ndandisengxingweni ;
Wandinceda wandibeka
Endawen' ebanzi.
4.Ingecala lam inKosi,
Andisokoyika ;
Ingasuka ithi ni na
Le nto umntu kumi?
5.Ingecala lam inKosi
Iya kundinceda ;
Indincede ngokumnandi
Kwabandithiyayo.
6.Ukuthemba uYehova,
Nokuphepha ngaYe,
Kuko okulungileyo ;
Kungathenjwa bantu.
7.Mandisinde ngaWe nKosi
Undisikelele!
Ma ndiphumle ngaWe nKosi
Undithamsanqele.
Amen.
I like Methodist their doors are open for each and every one.
1:21 that soprano soo sweet❤️❤️💯
yayivah🔥🔥
Ndithanda lento ndibona uMama oliGqirha phakathi kooMama and she’s enjoying herself, 🙌🏾🙏🏾❤️
This chant Yesu 😭😭😭😭🙌🙌🙌🙌🙌
Oomama bokuvuma hayi maarn🙌🙌🙌🙌🙌🙌
Yhooooo zezam ke ezi
Eyonanto ngomso yAm
Amen 🙌🙌🙌
Ndiyalithanda eliculo Thixo
Yheyy 🙏🙌🙌🙌🙌😭😭😭
Ingasuka ithini na lento umntu kum?
Iculo lika Makhulu wam owasewasi shia
Osewasishiya uMam Mkhumbeni.Lala ngoxolo Khumbi.
Collin-G